Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uyisebenzisa Njani Iteknoloji?

Uyisebenzisa Njani Iteknoloji?

UJenni olikhoboka lemidlalo yevidiyo uthi: “Ndiye ndidlale imidlalo yevidiyo kangangeeyure ezisibhozo ngosuku, ibe le nto iya isiba yingxaki.”

UDennis wayezimisele ukugqiba iveki engakhange asebenzise isixhobo se-elektroniki neIntanethi, kodwa akazange akwazi ukugqiba neentsuku nje ezimbini!

UJenni noDennis abangobantwana. UJenni ngumama wabantwana abane, ibe uneminyaka eyi-40, yena uDennis una-49.

NGABA uyazisebenzisa izixhobo zeteknoloji? * Abaninzi bayazisebenzisa kuba zinokuba luncedo. Sizisebenzisa kakhulu emsebenzini, xa sifuna ukuncokola nabanye naxa sizonwabisa.

Kuyabonakala ukuba ayingoJenni noDennis kuphela abanale ngxaki yokuba likhoboka lezinto zeteknoloji. Ngokomzekelo, uNicole oneminyaka eyi-20 uthi: “Kuziintloni ukuvuma ukuba mna nefowuni yam sizezona tshomi zinkulu. Andonwabi xa ingekho ecaleni kwam. Ndiba ligeza xa ndikwingingqi apho ndingakwaziyo ukufowuneleka okanye ukufumana imiyalezo, isiqingatha seyure siphela sendingasakwazi nokuzibamba. Kuthi mandife!”

Abanye abantu baba sefowunini ubusuku bonke befunda imiyalezo. Bayancitheka xa izixhobo zabo zeteknoloji zingekho kubo. Abaphandi bathi umntu onjalo likhoboka lezinto zeteknoloji, enoba yi-Intanethi, okanye isixhobo esithile, njengefowuni. Abanye abathandi ukuba kuthiwe “bangamakhoboka,” bakhetha ukuthi yingxaki nje, okanye ngumkhwa abanawo.

Enoba bayavuma okanye abavumi ukuba bangamakhoboka, kodwa ukusebenzisa kakubi izinto zeteknoloji kunokuba yingxaki. Ezinye iintsapho zide zingabi nalo nexesha kunye. Ngokomzekelo, yathi enye intwazana eneminyaka eyi-20: “Utata akasazi nezinto ezenzekayo ebomini bam, sithi sincokola abe yena ephendulana neeimeyili zakhe. Akakwazi ukohlukana nefowuni yakhe. Mhlawumbi undikhathalele, kodwa ngamanye amaxesha andiyiboni mna loo nto.”

Ukoyisa Lo Mkhwa

Ukuze kuncedwe abantu abanalo mkhwa, amazwe afana neMerika uMzantsi Korea, iTshayina, neUnited Kingdom aye avula iindawo ezilwa lo mkhwa. Kwezi ndawo, umntu akavunyelwa ukuba asebenzise i-Intanethi okanye isixhobo seteknoloji kangangeentsuku. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngoBrett, umfana oneminyaka eyi-28, othi wayedla ngokudlala imidlalo kwi-Intanethi kangangeeyure eziyi-16 ngosuku. Uthi: “Qho ndingena kwi-Intanethi kwakusiba ngathi ndithe mpaku-mpaku emva kokunqanqatheka ixesha elide.” Xa uBrett wakhetha ukuba aye kwenye yezi ndawo, wayesele elahlekelwe ngumsebenzi, engasahlambi ibe engasenabo nabahlobo. Ungenza njani wena ukuze ungaziboni sele ukwingxaki enje?

HLOLA INDLELA OZISEBENZISA NGAYO IZINTO ZETEKNOLOJI. Khawujonge indlela ozisebenzisa ngayo izinto zeteknoloji ebomini bakho. Khawuzibuze le mibuzo ilandelayo:

  • Ngaba andiqumbi okanye ndibe nomsindo xa ndingakwazi ukungena kwi-Intanethi, okanye isixhobo sam se-elektroniki singasebenzi?

  • Ngaba ndidlula lee kwixesha endizimisele ukuyeka ngalo ukusebenzisa i-Intanethi okanye isixhobo sam?

  • Ngaba andilali kuba ndifunda imiyalezo ebusuku?

  • Ngaba indlela endizisebenzisa ngayo izinto zeteknoloji indenza ndingakwazi ukuncokola nentsapho yam? Ngaba intsapho ingavumelana nempendulo yam kulo mbuzo?

Ukuba indlela ozisebenzisa ngayo izinto zeteknoloji ikwenza ungakwazi ukwenza ‘izinto ezibaluleke ngakumbi,’ njengokuba kunye nentsapho yakho, nokwenza imisebenzi ebalulekileyo, ufanele ulungise izinto ngoku. (Filipi 1:10) Njani?

ZIBEKELE IMIDA OZA KUKWAZI UKUYIFIKELELA. Nento elungileyo inokukwenzakalisa xa uyenza ngokugqith’ emgceni. Lilonke, enoba izinto zeteknoloji uzisebenzisa emsebenzini, okanye ukuze uzonwabise, zibekele imida, uze ungadluli kuyo.

Icebiso: Cela ilungu lentsapho okanye umhlobo wakho akuncedise. IBhayibhile ithi: “Ababini balunge ngakumbi kunomnye, . . . ngokuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe.”—INtshumayeli 4:9, 10.

Musa ukuzivumela ukuba zikwenze “ikhoboka”

Njengokuba izixhobo zeteknoloji zisiya ziphucuka, kuya kusanda nokungasetyenziswa kakuhle kwazo. Kodwa musa ukuzivumela ukuba zikwenze “ikhoboka.” Xa ‘uzongela okanye ulisebenzisa kakuhle ixesha,’ usenokuyiphepha ingozi yokusebenzisa izinto zeteknoloji kakubi.—Efese 5:16.

^ isiqe. 5 Kweli nqaku, igama elithi “izixhobo zeteknoloji” libhekisela kwizixhobo ezikwaziyo ukufowuna, ukuthumela inkcazelo, i-imeyili, imiyalezo, zidlale iividiyo, umculo, imidlalo, ziphinde zikwazi ukuthatha nokuthumela iifoto.