Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Oko Unokukwenza Xa Udinwe Ngokugqithiseleyo

Oko Unokukwenza Xa Udinwe Ngokugqithiseleyo

UANIL wayedinwe ngendlela engathethekiyo. Wamkela umsebenzi omtsha kuba wawubonakala ngathi uza kumenza isikhulu futhi amkele nemali eninzi. Kodwa ngoku wayesebenza kude kube sebusuku nangeempela-veki, ibe ngamany’ amaxesha wayesebenza iiyure eziyi-80 ngeveki. Uthi: “Emsebenzini kwakukwavula-zibhuqe nje, ibe oku kwaba semagxeni am. Ndandizibuza: ‘Yintoni na le ndizifake kuyo? Ukuba andizikhuphi apha, ndingofileyo.’” UAnil wazibona sele edinwe eyimfe.

Ukudinwa ngaloo ndlela asikokudinwa nje ngumsebenzi wemihla ngemihla, kodwa kukuba nestres ngendlela engaqhelekanga. Kuxa uhlala udinwe ngokugqithiseleyo, usoloko udikiwe futhi uziva ngathi awunakuzinceda nganto. Abantu abaphangelayo abadinwe ngokugqithiseleyo badla ngokuphelelwa ngumdla kumsebenzi wabo, bangakhathali, baze baphele bengasebenzi nakakuhle. Uphando lubonisa ukuba ukudinwa ngokugqithiseleyo kubangela ukudandatheka kunye nokugula.

Yintoni eyenza umntu adinwe abe yimfe? Idla ngokuba ngumsebenzi omninzi. Ngenxa yemeko yezoqoqosho engekho ntle, abanye abaqeshi banyanzela abasebenzi ukuba basebenze iiyure ezininzi, ibe maxa wambi bengabahlawuli ngokwaneleyo. Iteknoloji yenza abantu bahlale besebenza ngalo lonke ixesha, nto leyo eyenza ungacaci umahluko phakathi kwexesha lomsebenzi nelasekhaya. Abanye badiniswa kukuxhalela ukuphelelwa ngumsebenzi, ukungakwazi ukwenza izigqibo ngomsebenzi wabo, okanye ukungaphathwa kakuhle emsebenzini. Bakwadiniswa nakukungazazi ezona zinto zibalulekileyo, okanye ukungavani nabo basebenza nabo.

Abanye bazidinisa ngokwabo. Ngenxa yokufuna ukunyuselwa emsebenzini nokunyuselwa umvuzo, bazilahlela nofele emsebenzini. Ngaloo ndlela bezidinisa ngokugqithiseleyo.

Ukuba umsebenzi wakho ukwenza udinwe ngokugqithiseleyo, yintoni onokuyenza? Yinyaniso ukuba maxa wambi usenokungakwazi ukuwutshintsha umsebenzi wakho. Kodwa khawuqwalasele ezi ndlela zine onokukuphepha ngazo ukudinwa ngokugqithiseleyo. Mhlawumbi ezinye zazo zingakunceda.

 1. HLOLA IZINTO EZIBALULEKILEYO EBOMINI BAKHO.

Yintoni eyona nto ibalulekileyo kuwe? Abaninzi basenokuthi yintsapho kunye nempilo entle. Zezi zinto kanye ezichaphazelekayo xa abantu bedinwe ngokugqithiseleyo.

Xa uhlola izinto ezibalulekileyo ebomini bakho, uya kukwazi ukwenza izigqibo kunye notshintsho olufunekayo. Ngokomzekelo, usenokubona ukuba umsebenzi wakho uza kukwenza udinwe ngokugqithiseleyo ekuhambeni kwexesha. Kodwa usenokuqiqa ngelithi, ‘Andinakukwazi ukuwutshintsha umsebenzi wam okanye ndisebenze iiyure ezimbalwa; ndiyayidinga imali!’ Yinyaniso ukuba sonke siyayidinga imali, kodwa yintoni okulungeleyo ukuyincama ngenxa yayo?

Kulumkele ukujonga izinto ezibalulekileyo kubomi babanye abantu njengezibalulekileyo kobakho. Izinto ezibalulekileyo kumqeshi wakho zisenokungabaluleki kuwe. Abanye basenokukhetha ukubeka umsebenzi kweyona ndawo iphambili ebomini babo, kodwa oko akuthethi ukuba nawe ufanele wenjenjalo.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “KWANAXA UMNTU ENENTABALALA UBOMI BAKHE ABUPHUMI KWIZINTO ANAZO.”—LUKA 12:15

2. PHILA UBOMI OBULULA.

Ukuze ungabi nestres yaye ube nexesha lokwenza izinto ezibalulekileyo, usenokucinga ngokunciphisa iiyure zempangelo, ucele umqeshi wakho ukuba akucuthele umsebenzi, okanye ugqibe ekubeni ufune omnye umsebenzi. Enoba ugqiba ekwenzeni ntoni na, kusenokufuneka wenze utshintsho kwindlela oyisebenzisa ngayo imali. Kodwa oku kunako ukwenzeka, yaye kusenokungabi nzima njengokuba ucinga.

Kumazwe amaninzi, apho abantu bakuthandayo ukuthenga nokuthengisa, kusenokubonakala ngathi ukonwaba komntu kuxhomekeke kumvuzo wakhe nakwizinto anazo. Kodwa enyanisweni akunjalo. Ubomi obulula bunokukwenza uzive ungenaxhala yaye wanelisekile. Ukuze ukwazi ukuphila ubomi obulula, umele ukulungele ukunciphisa iindleko nokonga imali. Zama ukunciphisa okanye uphephe amatyala. Kuncokole oku kunye nentsapho yakho uze ucele uncedo lwayo.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “UKUBA SINESIXHASO NESAMBATHO, MASANELISWE ZEZO ZINTO.”—1 TIMOTI 6:8

 3. FUNDA UKUTHI HAYI.

Ukuba unomsebenzi omninzi ngokugqithiseleyo okanye ingxaki engapheliyo emsebenzini, thetha nomqeshi wakho ngayo. Ukuba kunokwenzeka, yiza nesicombululo esiza kulungela wena nomqeshi wakho. Mqinisekise ukuba uyawuthanda umsebenzi wakho, uze umchazele oko ukulungeleyo ukukwenza; kodwa menze acacelwe yinto ongenakukwazi ukuyenza.

Lindela nantoni na. Ukuba ufuna ukucuthelwa iiyure zomsebenzi, umqeshi wakho usenokuwucutha nomvuzo wakho. Cinga ngento onokuyithetha xa esithi uza kuphulukana nomsebenzi wakho. Khumbula ukuba kulula ukufumana omnye umsebenzi xa usaphangela.

Kwanokuba umqeshi wakho uyasamkela isicelo sakho, lindela ukuba ekuhambeni kwexesha usenokuphinda akunike umsebenzi ongakumbi. Yintoni enokukunceda ume kwisigqibo sakho? Kukumchazela ukuba awuzukujika. Oko kusenokukuvulela ithuba lokucela umqeshi wakho ukuba naye ahloniphe isigqibo sakho ebenivumelene ngaso.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “UEWE MAKABE NGUEWE, UHAYI WENU, ABE NGUHAYI.”—MATEYU 5:37

 4. ZIHLAZIYE.

Kwanokuba akunazingxaki zingako emsebenzini, zisenokubakho ezinye izinto ezikustresayo, abantu ekungelulanga ukusebenza nabo, neemeko ezingathandekiyo. Ngoko zinike ixesha lokuphumla ngokwaneleyo nelokuzihlaziya. Khumbula ukuba akuyomfuneko ukuchitha imali eninzi ukuze uzihlaziye wena nentsapho yakho.

Yiba nobuhlobo nakwabanye abantu ongaphangeli nabo, yaye uphephe ukusoloko uthetha ngomsebenzi wakho. Ngoba? Incwadi ethi Your Money or Your Life ithi: “Uhlobo lomntu onguye lubaluleke ngakumbi lee kunomsebenzi owenzayo.” Ukuba ukubaluleka kwakho kuxhomekeke kumsebenzi owenzayo, kuya kuba nzima ukuwubeka kwindawo yawo umsebenzi ebomini bakho.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “KULUNGE NGAKUMBI UKUZALISA ISANDLA NGOKUPHUMLA KUNOKUZALISA IZANDLA ZOZIBINI NGOMSEBENZI ONZIMA NGOKUSUKELANA NOMOYA.”—INTSHUMAYELI 4:6

Ngaba ungakwazi ngokwenene ukwenza utshintsho olufunekayo ukuze uphephe ukudinwa ngokugqithiseleyo? Ewe, ungakwazi. UAnil okhankanywe ekuqaleni kweli nqaku ukwenzile oko. Uthi: “Ndathetha nomqeshi wam wangaphambili ndicela ukubuyela emsebenzini, ibe wathi mandibuyele. Ndandineentloni zokuphinda ndijongane nabo ndandiphangela nabo, ekubeni ndandibaqhayisele ndathi ‘ndiya kumadlelo aluhlaza.’ Wathiwa gabhu umvuzo wam. Kodwa ndaba noxolo lwengqondo, yaye ndaba nexesha elingakumbi lokuba kunye nentsapho yam nelezinye izinto ezibalulekileyo.”