Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKWENZEKA EHLABATHINI

Okwenzeka Ehlabathini

Ehlabathini

Asiyontabalala yokutya nje kuphela efunekayo ukuze kupheliswe indlala. Kuqikelelwa ukuba ngoku amafama alima ukutya okunokwanela abantu abaziibhiliyoni ezili-12—nto leyo ethetha ukuba kunokwanela wonke umntu okhoyo emhlabeni namhlanje, kunye nabantu abaziibhiliyoni ezi-5 abangakumbi. Eyona ngxaki yingeniso, ukwabiwa kokutya nenkcitho.

EBritani Nase-United States

Phantse i-24 pesenti yabantu abasebenza kwezezimali, ithi “kusenokufuneka unganyaniseki ukuze uphumelele.” I-16 pesenti yona ithi ikulungele ukophula umthetho “xa ingazukubhaqwa.”

E-Argentina

Ootitshala aba-3 kwaba-5 eArgentina baye bacele ukungabikho emsebenzini ngenxa yoxinezeleko nobundlobongela obenzeka kwiindawo zabo zempangelo.

Esouth Korea

Sele iza kuxhaphaka into yokubona abantu abaninzi behlala bodwa kwizindlu zabo eSouth Korea.

ETshayina

Kuqikelelwa ukuba izixeko ezininzi zaseTshayina azizukwazi ukusizalisekisa isindululo sikarhulumente welo, sokuba nomoya ococekileyo nesiza kuqalisa ukusebenza ngowama-2016. Ukongezelela koko, amanzi aye atsalwa phantsi komhlaba kuye kwafunyaniswa ukuba “angcole ngeyona ndlela.”