OKWENZEKA EHLABATHINI
E-Gulf of Mexico
Emva kokugqabhuka kwemibhobho yeoli ngoAprili 2010, kwachitheka izantyala-ntyala zeoli nepetroli elwandle kangangeenyanga ezintathu. Abanye abaphandi bafumanisa ukuba kwiinyanga ezimbini ezinesiqingatha emva koko, ezinye zezo khemikhali zingcolisayo zazingasabonakali—ibe bagqiba kwelokuba zityiwe ziibacteria. Kodwa ke ezinye iingcali zisenamathandabuzo. Zikholelwa ukuba uninzi lwale oli luye lwehla lwaya enzulwini yolwandle.
ERashiya
Iphephandaba ekuthiwa yi-Rossiiskaya Gazeta lithi, ngokutsho kolunye uhlolisiso i-59 pesenti yabantu baseRashiya abaneminyaka ephakathi kweli-18 nengama-35 bakholelwa ukuba, “ngamanye amaxesha kufuneka ukhe unganyaniseki ukuze uphumelele ebomini.”
EPeru
Ezinye zezona nkozo zombona zindala kwezakhe zafunyanwa, (njengezi ziboniswe ngasentla) zibonisa ukuba kwiminyaka emalunga nama-3,000 eyadlulayo, abantu bakumntla Peru babesele besenza ugcado nomgubo.
E-Itali
ULucio Soravito De Franceschi, ongubhishopu wamaKatolika aseAdria-Rovigo uthi ivangeli ifanele “ishunyayelwe ngqo ebantwini kwiindawo abahlala kuzo.” Uthi: “Abefundisi bafanele bayeke ukubetha iintsimbi bebiza abantu, kunoko bafanele bankqonkqoze emizini yabantu.”
EMzantsi Afrika
Xa uluthenga esitratweni, ixabiso lophondo lomkhombe olusetyenziselwa ukunyanga liye lantinga laya kutsho kwiR540 000 ikhilogram. Ngowama-2011, eMzantsi Afrika kuphela, amasela aye abulala imikhombe engaphezu kwama-448. EYurophu amasela aye aqhekeza kwiindawo ezigcina izinto zakudala kunye nezizithengisayo ekhangela ezi mpondo. Kuthiwa nemikhombe ekwiindawo ezigcina izilwanyana eYurophu isengozini.