Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBhayibhile—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo—Inxalenye 5

Iindaba Ezilungileyo Kubantu Bonke

IBhayibhile—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo—Inxalenye 5

Olu ngcelele luneenxalenye ezisibhozo ‘kuVukani!’ luhlolisisa inkalo ebalaseleyo yeBhayibhile—iziprofeto zayo, okanye izinto eyazichazayo. La manqaku aza kukunceda ufumane iimpendulo zale mibuzo: Ngaba iziprofeto zeBhayibhile zizinto nje ezaziqikelelwa ngabantu abakrelekrele? Ngaba ngokwenene ziphefumlelwe nguThixo? Siyakucela ukuba ukhe uhlolisise obu bungqina.

ISIGIDIMI sikaThixo esiya ebantwini sifumaneka eBhayibhileni, ibe eso sigidimi siyinxalenye yezona ndaba zilungileyo. Ngokuvisisana naso, uYesu Kristu wachitha ubomi bakhe bonke evakalisa “iindaba ezilungileyo zobukumkani.” (Luka 4:43) IBhayibhile ibonisa ukuba obu Bukumkani bungurhulumente kaThixo yaye bubo obuya kushenxisa abalawuli abacinezelayo, buzise uxolo, buze buphelise bonke oonobangela bokubandezeleka kwabantu. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) Ziindaba ezimnandi ngokwenene ezo!

Iindaba ezilungileyo zazimele zisasazwe ngokubanzi kangangoko. Ukanti, ekubulaweni kwakhe uYesu washiya iqaqobana labalandeli. Ngaba esi sigidimi sasiza kuphelela emoyeni emva kokufa kwakhe? IBhayibhile yachaza into eyahlukileyo. Yathi: (1) Iindaba ezilungileyo zaziya kushunyayelwa kwizizwe ngezizwe. (2) Abashumayeli bazo babeza kunyamezela inkcaso ekrakra. (3) Kwakuza kuvela amaKristu obuxoki aze alahlekise abaninzi. Makhe siqwalasele ezi ziprofeto.

Iindaba Ezilungileyo Ezaziza Kuvakaliswa Kuzo Zonke Iintlanga

Iziprofeto:

“Kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga kuqala.” (Marko 13:10) “Niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZenzo 1:8.

Inzaliseko: Ngokukhawuleza emva kokufa kukaYesu ngowama-33 C.E., abafundi bakhe bazalisa iYerusalem ngesigidimi soBukumkani. Basisasaza kulo lonke elakwaYuda nakwiSamariya ekufuphi, ibe kwiminyaka nje eli-15, kwakusele kuthunyelwe amaKristu ukuba aye kushumayela nakwezinye iindawo ezaziphantsi koBukhosi baseRoma. Ngowama-61 C.E., kwade kwathiwa iindaba ezilungileyo sele zishunyayelwe nakwezona nxalenye “zikude” zomhlaba.

 Oko Kutyhilwa Yimbali:

  • Iincwadi ezabhalwa ngabantu benkulungwane yesibini ziyangqina ukuba ubuKristu banda ngendlela engaqhelekanga. Umbhali-mbali waseRoma uSuetonius ubhekisela kubuKristu njengobafika eRoma kwasekuqaleni kowama-49 C.E. Incwadi eyabhalelwa uMlawuli uTrajan malunga nowe-112 C.E. nguPliny Younger, irhuluneli yaseBhithiniya (ekummandla owaziwa ngokuba yiTurkey namhlanje), ibhekisela kubuKristu ‘njengesifo’ esasisele “sinwenwele kungekuphela nje kwiidolophu, kodwa nakwiilali neefama.” Ehlolisisa obu bungqina, omnye umbhali-mbali wagqiba kwelithi: “Kungekapheli neminyaka elikhulu emva kwexesha labapostile iindawo zokunqula zamaKristu zazisele zikho kwizixeko eziphambili zobo Bukhosi.”
  • Kwincwadi ethi The Early Church, uNjingalwazi uHenry Chadwick, uthi: “Kubonakala ukuba, ukwanda kwecawa kwabangelwa ziziganeko ezininzi ezingaqhelekanga. Akukho mntu wayelindele ukuba ubuKristu bande ngale ndlela.”

Ukuchaswa Kweendaba Ezilungileyo

Isiprofeto:

“Abantu baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni, yaye niya kubethwa kwizindlu zesikhungu nize nimiswe phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo.”—Marko 13:9.

Inzaliseko: AmaKristu ayetshutshiswa ngamaYuda nangamaRoma. Ayevalelwa ezintolongweni, ebethwa yaye ebulawa.

Oko Kutyhilwa Yimbali:

  • Umbhali-mbali wenkulungwane yokuqala uFlavius Josephus, ubhala ngokubulawa kukaYakobi, umntakwaboYesu ziinkokeli zonqulo zamaYuda. Ingxelo yeBhayibhile isichazela ukuba uGamaliyeli, ilungu elihlonelwayo lenkundla ephakamileyo yamaYuda, labongoza amanye ukuba ayilumkele indlela enza ngayo xa ayegweba abafundi bakaYesu. (IZenzo 5:34-39) Iincwadi zabaphengululi zinikela ubungqina bokuba uGamaliyeli wayephila ngokwenene yaye wayenengqondo ephangaleleyo.
  • AbaLawuli baseRoma, uNero, uDomitian, uMarcus Aurelius, noDiocletian bawatshutshisa kanobom amaKristu okuqala

  • Ababhali-mbali bathi ukususela kuMlawuli uNero ngowama-64 C.E., abalawuli baseRoma babewatshutshisa kanobom amaKristu. Imbalelwano phakathi koMlawuli uTrajan noPliny Younger ixubusha ngezohlwayo ezaziza kunikwa amaKristu angafuni kulahla ukholo lwawo.
  • UNjingalwazi Chadwick ocatshulwe ngaphambilana uthi, “Kunokuba loo ntshutshiso iwucime loo mlilo wamaKristu yasuka yawukhwezela ngakumbi.” Njengoko amaKristu ayebaleka ukwenzakaliswa, ayedlulisela eso sigidimi kwezo ndawo afika kuzo. (IZenzo 8:1) Anyamezela nangona ayechaswa ziintsapho nabahlobo. Okubangela umdla, kukuba abafundi bakaYesu babengabantu “abangenamfundo nabaqhelekileyo,” bengenampembelelo kwezopolitiko. (IZenzo 4:13) Ababhali-mbali bayavuma ukuba “iVangeli yasasazeka lula koonovenkile nakumagcisa.”

Xa befunda ngembali yamaKristu okuqala, abaphengululi bayakhwankqiswa yindlela elanda ngokukhawuleza ngayo elo qela lincinane kuloo ntshuntshiso ikrakra. Kuyo yonke loo nto, uYesu wazixela kwangaphambi ezo zinto zingekenzeki. IZibhalo zachaza nokuba lo msebenzi wokushumayela wawuya kuphazanyiswa.

Kwakuza Kuvela AmaKristu Obuxoki

Iziprofeto:

“Kuya kungena iingcuka ezicinezelayo phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngemfesane  umhlambi, kwaye phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZenzo 20:29, 30) “Naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi bobuxoki. Bona kanye aba baya kungenisa ngasese amahlelo atshabalalisayo . . . , yaye ngenxa yabo iya kutshabhiswa indlela yenyaniso.”—2 Petros 2:1, 2.

Inzaliseko: Ibandla lamaKristu lonakaliswa ngabantu abangqwabalala, abanenkohliso, nabanomoya wokuzingca.

Oko kutyhilwa yimbali:

  • Ngokukhethekileyo, emva kokufa kwabalandeli bokwenene bakaYesu, ngokuthe ngcembe ubuKristu baphenjelelwa ngamadoda asebandleni aza ajija iimfundiso zobuKristu ezingxenga nentanda-bulumko yamaGrike. Ngokukhawuleza udidi lwabefundisi lwenza izinto njengabalawuli bezopolitiko ngokuthanda igunya nobutyebi. Ngokutsho kwababhali-mbali, xa “ubuKristu” babusamkelwa njengonqulo loRhulumente waseRoma, kwakungasekho nalinye ibandla kulawo amaKristu enkulungwane yokuqala.
  • Kangangeenkulungwane loo nkwalambisa yobuKristu yazibalaselisa ngezenzo zogonyamelo nokunyoluka. Kunokuba bazingqine bengabalandeli bakaKristu, aba befundisi babatshutshisa abo babexelisa uYesu ekushumayeleni, kunye nabo babezama ukupapasha iBhayibhile ngolwimi oluthethwa ngabantu.

Kubonakala ukuba akakho umntu owayeshumayela iindaba ezilungileyo kuzo zonke ezo nkulungwane kwakukhonya amaKristu obuxoki kuzo. Noko ke, uYesu wabonisa ukuba iindaba ezilungileyo zaziya kushunyayelwa ngemihla yokugqibela. Wachaza eli xesha njengexesha lokuvuna, apho amaKristu obuxoki afaniswa nokhula, ayeya kwahlulwa kumaKristu okwenene, afaniswa nengqolowa. (Mateyu 13:24-30, 36-43) Ngelo xesha, isiprofeto sokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo sasiya kuzaliseka ngokupheleleyo. (Mateyu 24:14) Inxalenye 6 iza kuxubusha ngesi siprofeto sibangela umdla.