Habhakuki 1:1-17

  • Umprofeti ucela uncedo (1-4)

    • “Yhini Yehova, kuza kude kube nini?” (2)

    • “Kutheni unyamezela ingcinezelo?” (3)

  • AmaKhaledi, isixhobo sikaThixo sokugweba (5-11)

  • Umprofeti ucenga uYehova (12-17)

    • ‘Thixo wam, awufi’ (12)

    • ‘Usulungeke kakhulu ukuba ungabukela ububi’ (13)

1  Isibhengezo esafunyanwa ngumprofeti uHabhakuki* embonweni:   Yhini Yehova, kuza kude kube nini ndikhalela uncedo ungandiva?+ Kuza kude kube nini ndicela uncedo kubundlobongela, kodwa ungandisindisi?*+   Kutheni undenza ndibone ububi, Yaye kutheni unyamezela ingcinezelo? Kutheni kukho intlekele nobundlobongela phambi kwam? Ibe kutheni ukuxabana nomlo kusanda?   Akukho mntu uthobela umthetho,Nobulungisa abenziwa, Kuba abenzi-bubi bajikeleze amalungisa,Yiyo loo nto ubulungisa bugqwethiwe.+   “Nina bantu jongani iintlanga, Qwalaselani nize nimangaliswe.Kuba kukho into eza kwenzeka ngemihla yenu,Eningazukuyikholelwa nokuba ningayixelelwa.+   Kuba naku ndinyusa amaKhaledi,+Uhlanga olukhohlakeleyo nolungxamayo, Agqugqisa imimandla emikhuluUkuze athathe imihlaba engeyoyawo.+   Ayothusa yaye ayoyikeka. Amisela obabo ubulungisa negunya.*+   Amahashe awo anesantya ngaphezu kwehlosi,Yaye akhohlakele ngaphezu koodyakalashe ebusuku.+ Amahashe awo emfazwe agqabadula esiya phambili;Amahashe awo asuka kude. Aletsheza okokhozi lungxamele ukuya kutya.+   Onke azimisele kubundlobongela.+ Ukumanyana kwawo esiya phambili kufana nomoya wasempuma,+Ibe aqokelela abathinjwa ngokungathi akha isanti. 10  Agezela ookumkani,Ahleka amagosa aphakamileyo.+ Ayayihleka yonke indawo ekhuselekileyo,+Akha iinduli zokuhlasela aze ayithimbe. 11  Emva koko, aya phambili njengomoya aze adlule elizweni,Kodwa aza kuba netyala.+Kuba athi amandla awo avela kuthixo wawo.”*+ 12  Ngaba awususeli kumaxesha akudala-dala, yhini Yehova?+ Yhini Thixo wam, Wena Ungcwele wam, awufi.*+ Yhini Yehova, ubabekile ukuba bagwebe,Liwa lam,+ ubabekele isohlwayo.+ 13  Amehlo akho asulungeke kakhulu ukuba angabukela ububi;Ibe awubunyamezeli ububi.+ Kutheni ke unyamezela abantu abanamaqhinga,+Uze uthule xa ongalunganga eginya olilungisa kunaye?+ 14  Kutheni usenza umntu abe njengentlanzi yolwandle,Njengezilwanyana ezirhubuluzayo ezingenamlawuli? 15  Zonke ezi zinto uziloba ngehaki yokuloba iintlanzi, Uzibambisa ngomnatha wakhe orhuqwayo,Aziqokelele ngomnatha wakhe wokuloba. Yiloo nto evuya kangaka.+ 16  Yiloo nto ebingelela ngemibingelelo yakhe kumnatha wakhe orhuqwayoYaye eqhumisa imibingelelo* kumnatha wakhe wokuloba,Kuba ngayo isahlulo sakhe sityebile,Nokutya kwakhe kusemgangathweni. 17  Ngaba uza kumana ewugcwalisa aze aphinde awuqongqothe umnatha wakhe?* Ngaba uza kuqhubeka ebulala iintlanga engenalusizi?+

Umbhalo osemazantsi

Osenokuthetha, “Ulwamkelo Olufudumeleyo.”
Okanye “ungangeneleli.”
Okanye “nesidima.”
Okanye kusenokwenzeka, “amandla awo nguthixo wawo.”
Okanye kusenokwenzeka, “asizukufa.”
Okanye “imibingelelo yokuqhumisa.”
Okanye kusenokwenzeka, “akhuphe ikrele lakhe.”