Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Umhlaba Uyamoshwa—Ithini IBhayibhile?

Umhlaba Uyamoshwa—Ithini IBhayibhile?

 “Abantu benza izinto ezininzi eziza kwenza kubekho intlekele ngenxa yemozulu. Iidolophu ezinkulu ziza kukhukuleka ngamanzi. Kube shushu ngendlela engaqhelekanga. Kubekho izaqhwithi ezoyikisayo. Kungabikho manzi aneleyo kwiindawo ezininzi. Zife ziphele iintlobo ezininzi zezilwanyana nezityalo. Asizibaxi izinto xa sisitsho, kuba isayensi ibonisa ukuba zingenzeka nyhani ezi zinto ukuba oorhulumente abayitshintshi indlela abawusebenzisa ngayo umbane ngoku.”—La mazwi athethwe nguAntónio Guterres, ongunobhala jikelele weUnited Nations, xa ebethetha noorhulumente kwingxelo yokutshintsha kwemozulu yangoAprili 4, 2022.

 “Oososayensi bathi kule minyaka izayo, phantse zonke iipaki eziyi-423 zaseUnited States ziza kumoshakala ziphele ngenxa yobushushu. Izinto ezimbi ezinokwenzeka, ezifana nemililo, izikhukula, ukunyibilika komkhenkce, ukugcwala kwamanzi olwandle nobushushu sinokufunda ngazo eBhayibhileni.”—“Izikhukula Ezikwipaki YaseYellowstone Zibonisa Iintlekele Eziseza Kwenzeka,” kwimagazini ekuthiwa yiThe New York Times, yangoJuni 15, 2022.

 Ngaba ukumoshakala komhlaba kungalungiswa? Ukuba ingenzeka loo nto, ngubani oza kuwulungisa? Khawujonge ukuba iBhayibhile ithini.

Yachazwa kudala into yokuba umhlaba uza kumoshakala

 IBhayibhile ithi uThixo uza ‘kubatshalalisa abo bonakalisa umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Le vesi yeBhayibhile isifundisa izinto ezintathu:

  1.  1. Izinto ezenziwa ngabantu ziza kuwumosha kakhulu umhlaba.

  2.  2. Umhlaba uza kuyeka ukonakaliswa.

  3.  3. NguThixo oza kulungisa umhlaba, ayingobantu.

Umhlaba uza kuhlala ukho

 IBhayibhile ithi “umhlaba uhlala ukho ngonaphakade.” (INtshumayeli 1:4) Abantu baza kusoloko bekwazi ukuhlala kuwo.

  •   “Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.

 Umhlaba uza kulungiswa ngokupheleleyo.

  •   “Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo, intlango iza konwaba ize ityatyambe.”—Isaya 35:1.