Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

AmaNgqina KaYehova Nokubulawa Kwabantu NgamaNazi—Ithini IBhayibhile?

AmaNgqina KaYehova Nokubulawa Kwabantu NgamaNazi—Ithini IBhayibhile?

 Nge-27 kaJanuwari 2023, kuza kuba luSuku Lokukhumbula Abantu Ababulawa NgamaNazi ibe abantu abaninzi emhlabeni baza kudibana. Izinto ezibuhlungu ezenzeka kwiminyaka engaphezu kweyi-75 eyadlulayo, zinokukwenza uzibuze ukuba, kwakutheni ukuze uThixo avumele kubulawe abantu abaninzi kangaka.

 AmaYuda ayephethwe kakubi kakhulu kuba ayebulawa ngamaNazi. Kwakucetywa ukuba iimiliyoni zabantu ziza kubulawa njani. Nabantu ababengengomaYuda babephathwa kakubi baze babulawe ngelo xesha. Abanye babo yayingamaNgqina kaYehova awayephathwa kakubi ngenxa yezinto azikholelwayo ezisuka eBhayibhileni.

“Ithemba nekamva”

 Abantu abaninzi banexhala lokuba kusenokuphinda kwenzeke into efana naleyo yenziwa ngamaNazi. Kodwa eyona nto ivuyisayo kukuba, iBhayibhile ithi kuza ixesha apho izinto ezibuhlungu ngolo hlobo zingazukuphinda zenzeke.

  •   “‘Kuba mna ndizazi kakuhle izinto endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘ndicinga ngoxolo, kungekhona intlekele, ukuze ndininike ithemba nekamva.’”—Yeremiya 29:11. a

 Eli themba liza kwenzeka xa uYehova uThixo ephelisa zonke izinto ezimbi aze alungise umonakalo owenzekileyo. Kungekudala:

  •   Uza kutshabalalisa bonke abantu abaphatha kakubi abanye ngabom.—IMizekeliso 2:22.

  •   Uza kuphilisa bonke abo baye behlelwa zizinto ezibuhlungu.—ISityhilelo 21:4.

  •   Uza kuvusela emhlabeni bonke abantu abaswelekileyo.—Yohane 5:28, 29.

 Eli themba lithuthuzelayo liseBhayibhileni, unokulithemba. Ukuze ubone ukuba kutheni sisitsho, siyakumema ukuba ufunde nathi iBhayibhile. Awuzukubhatala.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.