Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithini IBhayibhile Ngengxaki Yamanzi Esemhlabeni Wonke?

Ithini IBhayibhile Ngengxaki Yamanzi Esemhlabeni Wonke?

 Sonke siyawadinga amanzi aklini ukuze sikwazi ukuphila. Unobhala-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uAntónio Guterres uthi, “aya edingeka kakhulu amanzi emhlabeni wonke, ibe loo nto iza kusifaka engxakini.” Iibhiliyoni zabantu emhlabeni azikwazi ukufumana amanzi aklini wokusela.

Strdel/AFP via Getty Images

 Singaze sibe nawo amanzi awoneleyo? Okanye ingaba siya kuhlala sinengxaki yamanzi? Ithini iBhayibhile?

Into ethenjiswa yiBhayibhile ngamanzi

 IBhayibhile ithi ngenye imini kuza kuphela ukunqaba kwamanzi. Ibonisa ukuba kuza kubakho amanzi amaninzi aklini.

 “Nentlango iza kumpompoza amanzi, kubekho imisinga yamanzi entlango. Umhlaba owomiswe bubushushu uza kuba njengechibi elineengcongolo, nomhlaba ongenamanzi ube njengemithombo yamanzi.”—Isaya 35:6, 7.

 Kutheni sisikholelwa eso sithembiso seBhayibhile? Khawuve ukuba ithini iBhayibhile ngendlela umhlaba owenziwe ngayo.

Into ethethwa yiBhayibhile ngomhlaba nomjikelo wamanzi

 ‘Umhlaba uThixo wayengawudalelanga ukuba uhlale nje, kodwa wawudalela ukuba kuhlalwe kuwo.’—Isaya 45:18.

 Xa uThixo wayedala umhlaba, wawenza ukuba ukwazi ukuvelisa amanzi aklini, kuba wayefuna abantu bakwazi ukuhlala kuwo nezinto eziphilayo.

 “[UThixo] utsala amathontsi amanzi anyuke, aze abe yinkungu nemvula, inetha iphuma emafini, yehlele ebantwini.”—Yobhi 36:27, 28.

 Ngamanye amazwi, le nto ibonisa indlela uThixo awudale ngayo umhlaba ngokwenza umjikelo wamanzi esebenzisa indalo. Amanzi asemhlabeni naselwandle ayenyuka abe ngumphunga, emva koko uba yinkungu kuze kunethe, baze abantu nezilwanyana bafumane amanzi aklini.—INtshumayeli 1:7; Amosi 5:8.

 “Ndiza kuninisela imvula eninzi ngexesha elifanelekileyo, lize ilizwe libe nemveliso, nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo.”—Levitikus 26:4.

 UThixo wathembisa amaSirayeli awayengabantu abalimayo, ukuba wayeza kuwasikelela ngesivuno esinesiqhamo ngokusoloko ewanika amanzi. Wayeyazi ukuba ukuze ukutya okutyaliweyo kukhule, kwakufuneka imvula.

 Into awayenzayo uThixo kumaSirayeli akudala uza kuphinda ayenze emhlabeni wonke. (Isaya 30:23) Kodwa kwiindawo ezininzi emhlabeni, kukho ingxaki yamanzi ibe loo nto ayibangelwa kukunqaba kwemvula qha. IBhayibhile ithi yintoni enye eza kuphelisa ingxaki yamanzi esinayo?

Iza kuphela njani ingxaki yamanzi

 IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uza kusebenzisa uBukumkani bakhe, ukuze alungise iingxaki ezisemhlabeni kuquka nengxaki yamanzi. (Mateyu 6:9, 10) UBukumkani bukaThixo ngurhulumente osezulwini oza kulawula emhlabeni. (Daniyeli 2:44; ISityhilelo 11:15) Kwakhona, urhulumente kaThixo uza kuphelisa zonke izinto ezibangela iingxaki zamanzi, nto leyo oorhulumente babantu abangakwaziyo ukuyilungisa.

 Ingxaki: Ukutshintsha kwemozulu kuphazamisa umjikelo wamanzi. Ngenxa yaloo nto, ezinye iindawo ziye zingabi nawo amanzi kanti kwezinye kukho izikhukula, ezibangelwa ziimvula ezinamandla okanye ukugcwala kolwandle.

 Into eza kunceda: UBukumkani bukaThixo buza kulungisa zonke iingxaki ezisemhlabeni ukuze izinto zihambe kakuhle kwiplanethi yethu. Xa esithembisa, uThixo uthi: “Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.” (ISityhilelo 21:5) Indawo ezomileyo ziza kuba namanzi amaninzi, ibe loo nto iza kwenza ukuba izinto eziphilayo zikwazi ukukhula. (Isaya 41:17-20) Xa uYesu Kristu enguKumkani woBukumkani bukaThixo, uza kulawula nendalo.

 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wayekhe wawabonisa amandla awanikwe nguThixo ngokuzolisa isaqhwithi esasisoyikeka. (Marko 4:39, 41) NjengoKumkani woBukumkani bukaThixo, uza kuphelisa zonke iintlekele zemvelo. Abantu baza kuba seluxolweni nyhani, bakhuseleke, bangazoyiki iintlekele.

 Ingxaki: Abantu abazicingela bodwa bangcolisa imilambo, imithombo, neendawo ezigcina amanzi ngaphantsi komhlaba. Loo nto yenza anqabe nakakhulu amanzi aklini.

 Into eza kunceda: UThixo uza kuwucoca umhlaba aze enze imilambo, ulwandle nemithombo ibe namanzi awoneleyo. Umhlaba uza kuba yiparadesi. IBhayibhile ide ithi: “Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo, intlango iza konwaba ize ityatyambe.”—Isaya 35:1.

 Kuza kwenzeka ntoni kwabo bangawukhathalelanga umhlaba nabantu? UThixo uthembisa ukuba uza ‘kubatshabalalisa abo bonakalisa umhlaba.’—ISityhilelo 11:18; IMizekeliso 2:21, 22.

 Ingxaki: Abantu bawasebenzisa kakubi amanzi ibe loo nto ibangela ukuba aphele.

 Into eza kunceda: Kuza ‘kwenzeka ukuthanda kukaThixo emhlabeni,’ hayi okwabantu. (Mateyu 6:9, 10) UBukumkani bukaThixo buza kubafundisa kakuhle abantu. UIsaya 11:9 uthi, “Umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehova.” a Ngenxa yokuba abantu baza kube befundiswe kakuhle, baza kumthanda kakhulu uYehova nendalo. Loo nto iza kubenza bawuhoye umhlaba wethu omhle nezinto ezidaliweyo.

  •    Ukuze ufunde ngezinye izinto eziza kwenziwa buBukumkani bukaThixo, jonga inqaku elithi “Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

  •    Jonga incwadi yeBhayibhile kaIsaya isahluko 35, ukuze uzifundele ngokwakho ukuba uza kutshintshwa njani umhlaba ube yiparadesi.

  •    Bukela ividiyo ethi Kwakutheni Ukuze UThixo Adale Umhlaba? ukuze ufunde ukuba kwakutheni ukuze uThixo adale abantu nomhlaba.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani uYehova?