Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IAnemia—Ibangelwa Yintoni, Unokuyibona Njani, Ibe Yintoni Enokuyinceda?

IAnemia—Ibangelwa Yintoni, Unokuyibona Njani, Ibe Yintoni Enokuyinceda?

 UBeth uthi: “Ngoku ndandimncinci ndandineanemia, ndandihlala ndidiniwe, amathambo am ebuhlungu ibe ndandingakwazi ukuhoya into enye eyenzekayo. Ugqirha wam wandinika iipilisi ze-iron ibe ndatshintsha nendlela endandisitya ngayo. Ndazibona sendisiba bhetele.”

 Baninzi abantu abanesisigulo sikaBeth. IWorld Health Organization ekuthiwa yiWHO ithi: “Abantu abayi-2 bhiliyoni, abangangekota yabantu abalapha emhlabeni baneanemia. Kumazwe anabantu abaninzi abasokolayo, ihafu yabantu abakhulelweyo baneanemia ibe phantse nehafu yabantwana abangekaqali sikolo balapho nabo banayo.”

 Ianemia sisigulo esiyingozi. Xa imbi kakhulu isenokubangela umntu amelwe yintliziyo okanye abe nezigulo zayo. IWHO ithi; “Kwezinye iindawo abantu abangoomama abaphantse babeyikota bayasweleka ngenxa yayo.” Abantwana abazelwe ngoomama abaneanemia eqhelekileyo ebangelwa kukushota kwe-iron baqhele ukuba bancinci emzimbeni okanye bazalwe ngaphambi kwexesha. Abantwana abaneanemia basuleleka lula zizigulo ibe bathatha ixesha ukukhula. Olu hlobo lweanemia olubangelwa kukushota kwe-iron lusenokwazi ukuphepheka okanye lunyangwe. a

Yintoni IAnemia?

 Ianemia sisigulo. Xa siyicacisa lula abantu abane anemia abanazo iiseli zegazi ezibomvu ezaneleyo. Izizathu ezibangela lento ziyohluka. Phofu oososayensi bathi kukho iintlobo ezingaphezu kwe-400 zeanemia! Ngamanye amaxesha esi sigulo sinokuhlala sikho okanye sikhawuleze siphele, singamgulisi kangako umntu okanye sibe yingozi kakhulu.

Yintoni Ebangela IAnemia?

 Ianemia ibangelwa zezi zinto zintathu:

  •   Xa umntu esopha liye linciphe inani leeseli zegazi ezibomvu emzimbeni.

  •   Xa umzimba ungenzi iiseli zegazi ezibomvu ezaneleyo.

  •   Xa umzimba uzibulala iiseli zegazi ezibomvu.

 Ianemia ebangelwa kukungabina-iron yaneleyo emzimbeni yeyona ixhaphakileyo. Xa umzimba ungena iron yaneleyo awukwazi ukuvelisa ihemoglobin ekwiiseli ezibomvu zegazi ehambisa ioxygen.

Unokuyibona Njani iAnemia Ebangelwa Kukushota Kwe-iron?

 Ekuqaleni umntu usenokungazazi ukuba uneanemia. Nangona iindlela ebonakala ngazo isenokungafani kodwa nazi ezinye zazo:

  •   Ukudinwa kakhulu

  •   Iinyawo nezandla ezibandayo

  •   Ukuphelelwa ngamandla

  •   Ukubonakala ngathi awunagazi

  •   Intloko ebuhlungu nesiyezi

  •   Ukuqaqanjelwa sisifuba, intliziyo ebetha kakhulu nokuphelelwa ngumoya

  •   Iinzipho ezophuka lula

  •   Ukungabi namdla wokutya ingakumbi kubantwana abancinci nabasandozalwa

  •   Ukubawela ukutya i-ice, isitatshi okanye umhlaba

Ngobani Abanokuba Neanemia?

 Amabhinqa asenokuba nayo ianemia ebangelwa kukungabi na-iron yaneleyo ngenxa yokuba besopha xa besexesheni. Abantu abakhulelweyo kuse nokubalula ukuba babenayo ukuba izinto abazityayo azinafolate, folic acid, novithamini B owaneleyo.

 Abantwana abancinci abazelwe phambi kwexesha okanye abanemizimba emincinci okanye abangafumani iron yaneleyo kwibisi lebele okanye kwelithengwayo.

 Abantwana abangatyi kutya kusempilweni.

 Abantu abatya iveji kuphela kodwa engena-iron yaneleyo.

 Abantu abanezigulo ezinganyangekiyo, ezinjengezifo zegazi, umhlaza, ukungasebenzi kwezintso, ukopha kwezilonda ezingaphakathi okanye ezinye izifo ezosulelayo.

Izinto Ezinokukunceda Xa UneAnemia

 Ayizizo zonke iintlobo zeanemia ezinyangekayo okanye eziphephekayo. Kodwa ke yona ianemia ebangelwa kukushota kwe-iron okanye iivithamini emzimbeni inako ukuphekeka okanye inyangeke. Loo nto inokwenzeka xa usitya ukutya okunezizinto zilandelayo:

 Okuneiron. Ifumaneka enyameni, iimbotyi, ilentile, neveji eluhlaza. b Kunokukunceda nokupheka ngeembiza ezenziwe nge-iron kuba uphando lubonisa ukuba loo nto inceda ukutya kube neiron eninzi.

 OkuneFolate. Ifumaneka kwifruit, kwiveji eluhlaza, kwipeas, kwimbotyi, kwitshizi, emaqandeni, kwintlanzi, neepeanuts. Iyafumaneka nasekutyeni okunengqolowa eneevithamini, njengasesonkeni, icereal, ipasta, neraysi. Eyona folate ikwifolic acid.

 Ivithamini B-12. Ifumaneka enyameni, kwizinto ezenziwe ngobisi, icereal, nezinto ezinesoya.

 Ivithamini C. Ifumaneka kwifruit nejusi zesitrasi, kwipeppers, kwibroccoli, kwitamati, kwimelons nakwizistrawberries. Ukutya okunevithamini C kunceda umzimba wakho ugcine i-iron.

 Ukutya kuyohluka ngokweendawo. Ngoko kwazi ukutya okufumaneka kwindawo ohlala kuyo okunezizinto zibhalwe ngasentla. Lo nto ibalulekile xa ulibhinqa, ingakumbi ukuba ukhulelwe okanye uyakuzama. Ngokuyihoya ngoku impilo yakho lo nto iza kuwenza abe mbalwa amathuba okuba umntwana wakho abe ne-anemia. c

a Izinto ezicetyiswa kwelinqaku ngendlela yokutya zithathwe kwiMayo Clinic nakwiThe Gale Encyclopedia of Nursing and Allied Health. Ukuba ucinga ukuba uneanemia yiya kugqirha.

b Ungaziseli iipilisi ze-iron okanye uzinike umntwana wakho ungaxelelwanga ngugqirha. I-iron eninzi inokumosha isibindi sakho ize ikwenze ube nezinye izigulo.

c Ngamanye amaxesha oogqirha bayinyanga i-anemia ngokukutofela igazi. Loo ndlela yonyango ayamkelekanga kumaNgqina kaYehova.—IZenzo 15:28, 29.