Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Yokuncedisa Emva Kokuba Kwehle Intlekele

Indlela Yokuncedisa Emva Kokuba Kwehle Intlekele

Iintlekele zemvelo ziye zixhaphaka kakhulu ngoku. Xa kukho intlekele indlela zokunceda kufuneka zicetywe zize zilungelelaniswe kakuhle. Ngenxa yesosizathu iQumrhu Elilawulayo liye lalungiselela iOfisi Yokunceda Xa Kwehle Intlekele ukuba ibekhona kwiofisi yesebe ngalinye.

Xa abazalwana abakweli sebe besiva ngentlekele baye bakhawuleze bathethe nabadala basekuhlaleni ukuze beve ukuba abavakalisi kufuneka bancedwe njani. Ukuba umonakalo mkhulu kakhulu ngendlela yokuba abazalwana basekuhlaleni abanokwazi ukuwulungisa, isebe liza kucela abazalwana abaqeqeshiweyo ukuba ibe ngabo abakhokelayo kulo msebenzi wokunceda. Aba bazalwana banokucela amavolontiya okanye iminikelo yezinto ezithile mhlawumbi bathenge izinto ezifunekayo baze bazinike abo bazidingayo.

Xa izinto zisenziwa ngale ndlela iye ibe ninzi into ehamba kakuhle. Kuye kuphetshwe umsebenzi ongeyomfuneko, ukubhideka, nokumoshwa kwemali nezinto zokusebenza nto leyo enokwenzeka xa abazalwana besenza izinto ngendlela yabo.

Abazalwana abakhethwe lisebe baye babone ukuba yimalini edingekayo nokuba mangaphi amavolontiya afunekayo ukuze kunikelwe uncedo. Banokufumana uncedo kumagosa asekuhlaleni ukuze lo msebenzi wokunceda wenziwe ngokukhawuleza. Abantu bamele bangenzi iinzame zokuqokelela imali, ukuthumela izinto zokunceda okanye baye kwindawo enomonakalo ngaphandle kokuba baceliwe.

Nangona kunjalo, xa kukho intlekele siyafuna ukunceda. (Heb 13:16) Siyabathanda abazalwana bethu! Yintoni esinokuyenza? Eyona nto ibalulekileyo kukubathandazela abo behlelwe yintlekele kunye nabo banikela uncedo. Sinokunikela kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke. Iiofisi zamasebe ziye ziyazi ukuba le minikelo zimele ziyisebenzise njani kuba zikhokelwa liQumrhu Elilawulayo. Ukuba siyafuna ukuncedisa sinokuyichaza loo nto ngokuthi sigcwalise ifomu yeLocal Design/Construction Volunteer Application (DC-50).

BUKELA IVIDIYO ETHI, IZIKHUKULA EZINAMANDLA EBRAZIL, UZE UPHENDULE LO MBUZO:

Yintoni oyithandayo ngendlela aye anceda ngayo amaNgqina kaYehova emva kwezikhukula ebeziseBrazil ngo-2020?